UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isihlomelo 4
Appearance
iCandelo A
- Ukulawulwa kwamahlathi emvelo
- Ulimo
- Izikhululo zeenqwelo-moya ezingezizo ezamazwe ngamazwe nezelizwe
- Ukulawulwa kwezilwanyana nezifo zazo
- Iikhasino, imidyarho, ukungcakaza, ngaphandle kweelothari neetafilana zemidlalo
- Ukukhuselwa kwabathengi
- Imicimbi yenkcubeko
- Ukulawulwa kweentlekele
- Imfundo kuwo onke amanqanaba, ngaphandle kwemfundo yamaziko emfundo ephakamileyo
- Okusingqongileyo
- Iinkonzo zempilo
- Izindlu
- Umthetho wemveli nomthetho wesintu, ngokulawulwa siSahluko 12 soMgaqo-siseko
- Ukukhuthazwa kwemizi-mveliso
- Inkqubo yeelwimi nokulawulwa kweelwimi ezisemthetweni ukuya kuthi xhaxhe kumda ovunyelwa kokutshiwo sisiqendu 6 soMgaqo-siseko wokuba izindlu zowiso-mthetho zamaphondo ziwise umthetho ngale mibandela
- Iinkonzo zamajelo eendaba ezilawulwa ngqo okanye ezinikwa ngoorhulumente bamaphondo, ngokulawulwa sisiqendu 192
- Ukongiwa kwendalo, ngaphandle kwemiyezo yelizwe, imiyezo yelizwe yemithi neentyatyambo, nobuncwane bezinto zaselwandle
- Amapolisa, ukuya kuthi xhaxhe kumda ovunyelwa kokutshiwo siSahluko 11 soMgaqo- siseko kwinto yokuba izindlu zowiso-mthetho zamaphondo zinokuwis’umthetho ngamapolisa
- Ukulawulwa kongcoliso
- Ukuphuhliswa kwabemi
- Imirhumo yokudluliselwa kobunini bemihlaba nemizi
- Amashishini karhulumente wephondo ngokumayela nemimandla yentsebenzo ekwesi Sihlomelo nakwiSihlomelo 5
- Zithuthi zikawonkewonke
- Imisebenzi eyenziwa ngurhulumente ngokumayela neemfuno zamasebe oorhulumente bamaphondo ekufezeni kwabo iimbopheleleko zokulawula imisebenzi eyabelwe wona ngokukhethekileyo ngokoMgaqo-siseko okanye omnye umthetho
- Ukucwangciswa nokuphuhliswa kweengingqi
- Ukulawulwa kwezithuthi ezindleleni
- Ukulondolozwa komhlaba
- Ukhenketho
- Urhwebo
- Ubunkokeli bomthonyama, ngokulawulwa siSahluko 12 soMgaqo-siseko
- Ukuphuhliswa kweedolophu namaphandle
- Ukukhutshelwa kweenqwelo-mafutha amaphepha-mvume
- Iinkonzo zentlalo-ntle
iCandelo B
Nale micimbi ilandelayo yoorhulumente basekuhlaleni ukuya kuthi xhaxhe koko kuchazwe kwisiqendu 155(6)(a) nese-(7):
- Ungcoliso lomoya
- Imimiselo yaxa kusakhiwa
- Izinto zokunonophelwa kwabantwana
- Umbane negesi
- Iinkonzo zokucinywa komlilo
- Ukhenketho lwasekuhlaleni
- Izikhululo zeenqwelo-moya zoomasipala
- Ukucwangciswa koomasipala
- Iinkonzo zempilo zoomasipala
- Izithuthi zikawonkewonke zoomasipala
- Imisebenzi eyenziwa ngurhulumente woomasipala ngokumayela neemfuno zoomasipala ekufezeni kwabo iimbopheleleko zabo zokulawula imisebenzi eyabelwe bona ngokukhethekileyo ngokwalo Mgaqo-siseko okanye omnye umthetho
- Imidlalo yokungcakaza, izikhitshana, iintango eziselunxwemeni zokukhusela iziko- nqanawa, amangqameko namazibuko-nqanawa, kungaqukwanga ukulawulwa ukuhamba kweenqanawa zamazwe ngamazwe nezelizwe nemicimbi ehlobene noko
- Ukulawulwa kwezikhukhula kwimimandla enezakhiwo
- Imimiselo yorhwebo
- Amanzi neenkonzo zogutyulo eziphelela kwiinkqubo zokunika amanzi anokuselwa namanzi angcolileyo asezindlwini nobuxhakaxhaka bokugutyulwa kwelindle